AmaRhudulu
AmaRhudulu
Njengoko besikhe sanikrobisa ngaphambili uRhudulu ngumntwana wokuqala kaMpondomise ngokuzalwa kwindlu yasekunene. URhudulu lona wakhe wabalibambela emva koku khothama kuka Mpondomise, ebambela uNtose unyana womntakwabo uNdunu owakhothamba uMpondomise esadla amazimba.
Yaba nguRhudulu owafudusa amaMbo kaMpondomise eLuhlangeni pheshaya kweDedesi wazokuwabeka eMbisa, nalapho wafika khona waguqula igama lalomhlambi kayise wathi ngamaMpondomise.
Kwaba ngolohlobo kusekeka kwesoSizwe samaMpondomise lonto yabethelelwa nguRhudulu ngokombathiswa umnweba uNtose nje ngeNtloko yokuqala kweso Sizwe.
Ikwangu loRhudulu mnye owayalela uNtose ukuba alifuduse iKomkhulu lamaMpondomise ayokulibeka eMvenyana, uSikhomo unyana wakhe omkhulu yena wamyalela ukuba ayomilisela ubukhosi bakhe eMzimvubu.
Enyanisweni uSikhomo wenza njalo ukulandela umyalelo kayise nalapho wafika wamilisela ubukhosi bamaRhudulu.
USikhomo wakhonza eli Bandla lamaRhudulu wade wakhothama indawo yakhe yathathathwa nguSinuka unyana wakhe omkhulu. IKomkhulu lale Nkosi lalimi kanye kule ndawo kuthiwa kuseSinuka xa kunamhlanje, amaMpondo engekangeni kwelo lizwe ngoko ayesazinze pheshaya koMthamvuna.
Walikhonza umntwanomhle lo kwade kwaba yimizuzu yokugqibela, indawo yakhe yathathathwa ngunyana wakhe omkhulu uTshangisa kodwa uTshangisa lo engazalwa yedwa enomninawa wakhe uNxuba unina noyise mnye ncam ncakasana ngabakaSinuka.
Emva kokuba kukhothame Isilo samaMpondomise uCirha washiya unyana wakhe umkhulu uSabe, imbali yezi Nkosi zonke usuka pha kuNtose ukuya kuCirha nezinye iNkosi izakufumaneka kakuhle xa sithetha ngondlunkulu wamaMpondomise.
Into inye eyakhe yenzeka ezimbalini zokulawula kwale Nkosi uTshangisa kukufika kwe sigidimi esisuka eMzimkhulu kumhlaba wakuNtsibakazi ngoku ndululwa nguTshawe omnye wonyana bakaNkosiyamntu, lo nyana kaNkosiyamantu unina yintombi yesiSizwe samaMpondomise kwiBandla lamaRhudulu lontombi ingunina yintombi yeNkosi uSinuka. lonto ingqinwa yiNkosi yamaJingqi, amaJingqi kaNcaphayi, iNkosi uNgwenyathi kaDumalisile eNgadla kuGatyana.
Kwaye uTshawe lo ukhulela apha kulonina kwelibandla lamaRhudulu, ngalemini uTshawe uthumela isigidimi kwiSilo yamaMpondomise uSabe. Sifika apha Komkhulu kuTsolo eLothana isigidimi, sondlale wonke umcimbi yakuba impilo incaziwe ngelithi, “eneneni naxa sivuma ukuba siphilile kodwa akukho mpililo apho sisuka khona, sindululwa ngumhlakazi uTshawe, unyana kaNkosiyamantu umtshana lo wamaRhudulu, uthi masizokumcelela isandla apha KwiSilo, kuba kokwabo wonganyelwa ngabantwakwabo uCirha no Jwarha, kungako maMpondomise nisibona silapha”. Abanyana bathathu ngabaka Nkosiyamntu, kwindlu enkulu nguCirha ukuze kwe yasekunene ibenguJwarha, iqadi lendlu enkulu nguTshawe kuba kwi qadi lendlu yasekunene nguQwambi.
“Sangcanjaziswa esi sigidimi ngamathenjwa aKomkhulu ngentsusa mabandla, “Abanyana bakaNkosiyamntu intsusa mabandla liPhuthi elize noTshawe waze uMkhuluwa wakhe walifunela kuye ngelithi sisithethe sidala esokuba nantoni na efunyenwe kuyozingelwa inikwe yena kuba nguye omdala, ale uTshawe ngelithi noko iPhuthi asi silwana sikhulu kangako ngoko akanokunikezela ngalo kuba naye unabazingeli bakhe, yaqala apho imbambano sibalise satsho esi sigidimi kumaMpondomise.”
Kwabaliswa njalo ngobuzaza bale ngxabano nangabo bonke ubucukubhede babanyana bakaNkosiyamntu. Kuzokuthi emva koko kwanyanzeleka kusiwe into eyakhe yanjalo KwiSilo, kwabanjwa igqugula ngamathenjwa aKomkhulu kwakunye neSilo kuboniswana ngale nyewe.
Kweli gqugula kwaboniswana okokuba kula maBandla amaMpondomise ayesele ekhona ngeloxesha afana namaBhukwana, amaRhudulu, amaNgcitshane, amaMpinge njalo njalo, leliphi na elingakhutshwa ukuya kuncedisa uTshawe njengoko ecela isandla.
Kwavanwa kwelo kuba makukhutshwe amaRhudulu nje ngoko esaziwa ngobukhalipha, ubuchulele, ubukrelekre, bunkunkqele kwakunye nobugqi anabo ingashiywanga ngasemva eyokuba uTshawe uzocela isandla kwesisizwe kuba eyazi ukuba amaRhudulu kukulonina.
Zonke izizinto zazibalulwa ngamaRhudulu zazisenyanisweni kuba kwa lapho emaMpondomiseni amaRhudulu la ayesaziwa njengendlu yengwevu into eyayithetha ukuba yayindlu yenkcubabuchopho neyayiyiyo eyayingabacebisi abaphambili kundlunkulu wamaMpondomise.
Kanti kwaRhudulu lo kwathiywa ngaye ububukhosi gxebe elibandla lamaRhudulu nguye owamilisela waseka esisizwe samaMpondomise.
Kwakhuthswa amaRhudulu ekhokelwa yiNkosi yawo uTshangisa kwaze kwavunyelwana ngelithi uNxuba makasalele ngasemva yena ajonge usapho kwakunye neKomkhulu lingasali lodwa.
Enyanisweni yanduluka iNkosi yamaRhudulu, uTshangisa ehamba nomkhosi wamaRhudulu wayo kugaleleka eMzimkhulu kwilali yakuNtsibakazi.
Kwaliwa kulo mfwazwe eyayisaziwa kakhulu ngokuba yimfwaze yakuNtsibakazi waphumelela uTshawe apho ngenxa yokuncediswa ngamaRhudulu. Kuthiwa kulemfwazwe amaRhudulu asebenzisa ubugqi ubungazange bolanywa, bokukhafula ngezulu layibetha imikhosi kaJwarha noCirha yalalangomhlana.
Lo nto yabenzela ubunganga kuba babizwa ngokuba ngoZulu ngenxa yobobungqi bathi babusebenzisa kulomfwazwe yakuNtsibakazi.
AmaRhudulu kuqhutyekwa kuthiwa ayesithi xa ehlasela “thina sizinkomo zikaSikhomo bazokusazi” uSikhomo lona ngunyana omkhulu kaRhudulu wayexatyiswe kakhulu kangangento yokuba abanye abantu namhlanje bakhe bafune ukuthi nguyise kaRhudulu uSikhomo lona kuba besiva yena ebizwa kuqala oko.
Kanti enyanisweni uSikhomo ngunyana kaRhudulu nto nje uyiNkosi yokuqala ukuthanjiswa kuba uyise wakhothama engathanjiswanga kuba ixesha elininzi walichitha ejongene nezinto zikandlunkulu yaze lo nto yamenzela indumasi nobunganga, nguye lo Sikhomo kuthiwa imbongi zazisithi kuye
“Nguye nguy’umajikij’intonga zase MaRhudulwini-
Phof’engazinjongisanga mntwini
Kuba mhla’the wazinjongis’emntwini-
Kuyonakala ukuhlala”
Emva kokuphumelela kule mfazwe uTshawe wanxenxa uTshagisa lona ngelithi makangamshiyi kuba unamanwele wokuba mhla wemka wabuyela emaMpondomiseni kungenzeka ukuba imikhosi kaCirha noJwarha ibuye imhlanganele.
UTshawe wanika umhlaba AmaRhudulu “uCirha noJwarha banyevula ngelithi mabahambe bayothatha lomhlatyana wabo”. Kwatsho ngoku ukususela lomhla kwavela lendawo yomhlatyana apha emaRhudulwini. Hayi azinza apho amaRhudulu iNkosi yawo inguTshangisa elawula amaRhudulu kulo mhlaba.
Ngenxa yale mpumelelo kaTshawe kwabake kwa kheka iziduko phakathi konyana bakaNkosiyamntu amaTshawe, amaCirha, amaJwarha kwakunye namaQwambi ethatha uTshawe nje ngeNkosi yabo emva kokuba ethathe ubukhulu ngezigalo kuCirha umkhuluwa wakhe.
Le nto yenzeka emva kokuba uTshangisa webandla lamaRhudulu embathise uTshawe umnweba weNgwe nje nge Nkosi phakathi kolu sapho lukaNkosiyamntu.
Kuthe xa kubonakala okokuba noko AmaRhudulu la kudala ekwesosizwe ngapha koko beqinisekile nokokuba uTshawe uzinzile. Kukhonzwa yena njeNkosi ngaphakoko kuthandabuzeka okokuba angabuya ahlaselwe. AmaRhudulu abonisana noTshawe okokuba noko bacinga ukubuyela ekhayeni kwelama Mpondomise apho babevela khona.
Kungelothuba kanye apho uTshawe acenge khona uTshangisa ukuba ebesele enengcamango nengcingane zokuba kugutyungelwe zonke izizwana ezikhoyo zifakwe phantsi kwesandla sabo. Kokhiwe uhlanga kodwa sisizwe samaMpondomise kuphela esingazukuhlaselwa kuba kulapho AmaRhudulu aphuma khona, kwavanwa ngalonto.
Bavumelana ngezombono yaqeqeshwa imikhosi ekhokelwe nguTshangisa noTshawe kwagqugqiswa ngomlo bafaka phantsi kwabo izizwe ezifana namaTipha, amaNkabane, amaNtakwende, amaNzotho, amaVundla, amaNtshilibe, amaMvulane, amaNgqosini, amaMfene nezinye izizwe, kanti nohlanga laBathwa zange lusinde lafakwa ngaphantsi kwesandla sikaTshawe noTshangisa.
Emva kokuba imfazwe iphelile nezizwe zinqwala ukuba intloko yazo nguTshawe esekelwe nguTshangisa, kwamiselwa uhlanga ngokusesikweni labizwa ngo khokho kaTshawe uXhosa, ukususela lomhla kwabakho oluhlanga olwaziwa ngokuba ngamaXhosa.
Zonke ezazizwe zatsho zenza amasiko aziwa ngokuba ngawesiXhosa nentetho yaziwa ngokuba yeyesiXhosa kwashenxwa kwintetho eyayisaziwa ngokuba sisiNguni.
